IPalamente nanjengoko inelungelo lokongamela, yiyo eyongamele ukuphunyezwa kwemithetho emiselweyo kuquka leyo isungulelwe lulutsha lwelizwe.
Ulutsha loMzantsi-Afrika lungabandakanyeka njani ePalamente
Ukwenza ukuba iPalamente i.keleleke lula, kukho iinkqubo ezibizwa ngokuba yi-"Member's Interface" apho ulutsha lungathi ludibane neLungu lePalamente malunga nemibandela ephathelene nalo. Lunokuthi lwenze ukuba ilizwi lalo livakale ngokuvakalisa izimvo zalo ngomlomo okanye ngokubhala phantsi.
Ulutsha lukwayinxalenye yoluntu oluthi ludibane kwiiNtlanganiso zeKomiti apho imisebenzi emininzi yePalamente ithi yenzeke khona, kwaye lusenokuya nakwiingxoxo zePalamente ukuze babukele, bafunde baze baziphuhlise ngolwazi.
IPalamente inamanyathelo ohlukahlukeneyo ajolise kumabakala ngamabakala umzekelo, iPalamente yolutsha (ethi yona ibanjwe ngeNyanga yoLutsha) apho kuthi kuxoxwa ngemiba ephathelene nolutsha nalapho ithi ibe lulutsha lodwa olunikwa ilungelo lokuthetha, neenkqubo ezilungiselelwe lona.
UMgaqo-siseko unyanzelisa iPalamente ukuba ilubandakanye uluntu kwizinto ezenzeka kuyo, kungoko ulutsha nanjengoko lukwayiyo inxalenye yoluntu lumenywa rhoqo ukuba luthathe inxaxheba kumalungiselelo afana noVakaliso-zimvo loLuntu, iNtetho kaMongameli yoVulo-Palamente kunye nezinye iinkqubo zoku.kelela kuluntu nezibandakanya uluntu.
Xhosa
Eli phecana lifumaneka ngazo zonke iilwimi zoMzantsi-Afrika ezisemthethweni.
